Svoboda | Graniru | BBC Russia | Golosameriki | Facebook
Jump to content

AmaXhosa

Livela

'AmaXhosa' (isiNgesi: Xhosa people) — AmaXhosa liqela labantu baseMzantsi Afrika elifumaneka eMpuma Koloni. Aba ngabantu bamasiko nezithethe. Bohlulwe ngokweziduko (Clan names) kunye nezizwe ezahlukeneyo. Izizwe abohlulwe ngazo ngamaGcaleka, amaRharhabe, imiDange kunye namaNdlambe. Kukho nezinye izizwe ezifumaneka kumaXhosa ezo ngabaThembu, abakoBhosha kunye nama Mpondo.

Igama elithi isiXhosa okanye igama lamaXhosa lithathwe kwiKumkani yamaXhosa eyayibizwa ngokuba nguXhosa. Yona eligama yaliphiwa ngaBathwa (Khoekhoe) ababesaziwa njengabantu bokuqala kwelase Ntshona koloni. Ngokolwimi laBathwa eligama lithetha ubungqongqo, umsindo ubundlobongela kunye nokucaphuka. Emva kokuthiywa kukaKumkani uXhosa kwatsho kwakho iqela labantu elibizwa ngamaXhosa kwaye elithetha isiXhosa. Maninzi amasiko enziwayo kwaXhosa aquka ukuqaba, [[[[AmaXhosa |AmaXhosa|intonjane kunye nokwaluka njengekqubo ebonisa ukukhula kwenkwenkwana nganye.

AmaXhosa aphuma emaphandleni ayesakuba yiTranskei kunye neCiskei. Amanye ohlukana kubantu bakwaNguni kwimfazwe eyaye yadaleka eyayibizwa ngokuba yiMfecane. Nabo abo bantu babohlukene kwaNguni ikwangamaXhosa kodwa isiXhosa abasithethi ngendlela efanelekileyo kwaye babiza iziduko ezohluka-hlukeneyo futhi baphuma kwizizwe ezahlukeneyo umzekelo: amaMfengu, amaBhele kunye namaZizi.

Aba bantu babizwa ngamaXhosa baneenkolo kunye namasiko. Basebenzisa amabali aqiqa ukufundisa ukuze basombulule iingxaki zabo. Bakholelwa kuQamata. Ngokwesiko labo, izinyanya zabo ezingooyise mkhulu abalandulelayo eli kwantlandlolo zisebenza ukubakhusela. Amaphupha adlala eyona ndima inkulu ukuze umXhosa adibane no Qamata. EMandulo amaXhosa ayeyikhuthalele kakhulu iNkcubeko yawo kwaye ezidla ngayo. Indlela yokuphila yayikukuxabisa amasiko kunye nezithethe.

Kanti ke kuthi ngokwentetha, "ngebezingomba izifuba sibeneqhayiya lokuba ooKhokho bethu zange banikezele kwabamhlophe ukanti ke nezozizwe zintsundu ziphambili ngoku zalwa zaphumelela kuba yayizizizwana ezinoxolo nobuntu kwaye zingafuni mfazwe".

Ukubaluleka kokuzazi nokuzazisa

"Inkaba yakho iphi?, iphi'Nkaba yakho?" lombuzo amaXhosa adla ngokuwubuza xa efuna ukwazi ngemvelaphi yakho, umnombo wakho ukutsho, ikhaya , uzalwa ngubani?, yena ezalwa phi ngubani?